Ivaliwe indlela u R394 edibanisa uhola wendlela uN2 ePhakade ukuya kuR61 eMagusheni ngengxa yodushe oluyingozi

Ungafunga ukuba amatye avale indlela u R394 edibainsa uhola wendlela u N2 ePhakade ukuya ku R61 eMagusheni abekelwe ukuxulutya uYesu kule Pasika

Uqhankqalazo olunobundlobongela, obutshabalalisayo nolubeka esichengeni ubomi kwindlela uR394, odibanisa uhola wendlela uN2 ePhakade ukuya kuR61 eMagusheni lunyanzele isebe ukuba liwuvale wonke lo mgama kukhuseleko lwabaqhubi.


Indlela ihleli ivalwe ngamatye amakhulu ngelixa umsele osembindini wendlela yetha uye wembiwa kwakhona. Kukho iingxelo zokuba kutshiswe iloli, kodwa amagosa ethu akakwazi ukufikelela apho kutyholwa ukuba senzeke khona ngenxa yobume bendlela. Ukuvalwa kusemdleni wokhuseleko lwabasebenzisi bendlela, ngelixa amagosa ethethathethana nabahlali kunye nabasebenzi bohlangulo belungisa indlela.