Kubanjwe abazulukwana ababini kunye nomhlobo wabo ngezityholo zokubulala umakhulu wabo

Ufunyenwe engcwatywe kwingcwaba elinganzulwanga kuyaphi umakhulu oneminyaka engamashumi asixhenxe anaNye(71) kwaze kwabanjwa abazulukwana bakhe ababini kunye nomhlobo wabo ngezityholo zokumbulala.

Amapolisa abambe abazukulwana ababini bomfi kunye nomhlobo wabo ngezityholo zokubulala nokuphanga e-Ezinkampini Loc, eCumakala Administrative Area ngaphandle kwaseLady Frere izolo

Oku kubanjwa kulandela emva kokuba umakhulu wabo oneminyaka engamashumi asixhenxe ananye(71) elahlekile ngoLwesihlanu .Ugqogqo lwamaPolisa kunye noluntu luye lwenziwa kwaye aluzange lufumane ziphumo zintle. Izolo emva kwemini 13/04 Amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo apho afumana umzimba wowasetyhini ungcwatywe kwingcwaba elingekho nzulu kwigadi yakhe.

Uphando olunzulu lwakhokelela ekubeni amapolisa abanjwe abazukulwana bakhe ababini kunye nomhlobo wakhe ophakathi kweminyaka engama-21 ukuya kwengama-27 ubudala ngokubulala nokuphanga. Kuqhutywa uphando lokukhangela unobangela wokubulawa kwabantu.

Aba bathathu bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseLady Frere ngomso umhla weshumi elineshlanu ku Epreli