Ukhala esimantshiyane unina wosana elistshwe ngamanzi

Usana olunonyaka omnye kunye neenyanga ezimbini, lutshiswe ngamanzi ngosuku lwangeCawa umhla weshumi kweyoMsintsi 2023. Ngokwengxelo ka tata wakhe uthi umama wakhe ubuye edolophini sele etshile umntwana ngamanzi, uthe xa ebuzayo akwabikho waziyo bathi bave ngomntwana sele elila phandle.
Utata womntwana uxelelwe ngosuku lwangoMvulo malunga nentsimbi yeshumi. Unombuzo wokuba bebekade bethuleleni ntoni. Ngomhla weshumi elinesibini kweyoMsintsi ufumanise inyani yokuba umakazi womntwana nguye otshise umntwana eneenjongo kwaye kuvele into yokuba abavani ncam. Ucela uncedo lokuba angenza njani xa kunje.
